Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 30:10-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Izigidimi ezo zathungela imizi ngemizi ezweni lakwaEfrayim nelakwaManase, zesa kwelakwaZebhulon. Bazihleka, bazigculela;

11. kodwa amadoda athile akwa-Ashere nawakwaManase nawakwaZebhulon azithoba, eza eYerusalem.

12. Kananjalo isandla sikaThixo sabakho kwaYuda, ukuba abanike ntliziyo-nye yokwenza umthetho wokumkani nowabathetheli, ngowelizwi likaYehova.

13. Kwahlangana eYerusalem abantu abaninzi, ukuze benze umthendeleko wezonka ezingenagwele ngenyanga yesibini; baba libandla elikhulu kunene.

14. Besuka, bazisusa izibingelelo ezibe ziseYerusalem, bazisusa zonke iziqhumiselo, baziphosa emlanjaneni oyiKidron.

15. Bayixhela ipasika ngolweshumi elinesiné usuku lweyesibini inyanga. Ababingeleli nabaLevi bazidanela, bazingcwalisa, bazisa amadini anyukayo endlwini kaYehova.

16. Bema endaweni yabo ngokwesiko labo, ngokomyalelo kaMoses umfo wakwaThixo; ababingeleli balitshiza igazi layo ipasika, belithabatha esandleni sabaLevi;

17. ngokuba babebaninzi ebandleni abe bengazingcwalisanga. AbaLevi bamela ukuxhela ipasika ngenxa yabantu bonke abaziinqambi, ukuba iimvana zingcwaliselwe kuYehova;

18. ngokuba ubuninzi babantu, abaninzi ababevele kwaEfrayim nakwaManase, kwaIsakare nakwaZebhulon, baye bengazihlambululanga.

19. Bayidla ipasika ngokungengamthetho; kodwa uHezekiya wabathandazela, esithi, Wanga uYehova olungileyo angamxolela elowo uyibhekisé intliziyo yakhe ekumquqeleni uThixo uYehova, uThixo wooyise, nakuba kungengokwentlambululo yendawo engcwele.

20. UYehova wamva uHezekiya, wabaphilisa abantu.

21. Oonyana bakaSirayeli bafunyanwáyo eYerusalem bawenza ke umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla esixhenxe, bevuya kakhulu, bemdumisa uYehova iimini ngeemini abaLevi nababingeleli, ngeempahla zokumzukisa uYehova.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 30