Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 30:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathumela uHezekiya kuwo onke amaSirayeli namaYuda; kananjalo wabhala iincwadi eziya kumaEfrayim namaManase, ukuba kuziwe endlwini kaYehova eYerusalem, kwenziwe ipasika kuYehova, uThixo kaSirayeli.

2. Ukumkani wacebisana nabathetheli bakhe nebandla lonke eYerusalem, ukuba kwenziwe ipasika ngeyesibini inyanga.

3. Kuba babengenakuyenza ngexesha elililo; ngokuba ababingeleli baye bengazingcwalisanga ngokwaneleyo, nabantu baye bengazihlanganiselanga eYerusalem.

4. Loo ndawo yathi tye emehlweni okumkani, nasemehlweni ebandla lonke.

5. Bamisa indawo yokuba lihanjiswe ilizwi kumaSirayeli onke, kuthatyathelwe eBher-shebha, kuse kwaDan, ukuba baze kwenza ipasika kuYehova, uThixo wamaSirayeli, eYerusalem; ngokuba babengayenzanga bebaninzi, njengoko kubhaliweyo.

6. Zahamba izigidimi zineencwadi ezivela ezandleni zokumkani nezabathetheli bakhe, zaya kuwo onke amaSirayeli namaYuda, zathi ngokomyalelo wokumkani, Nina, nyana bakaSirayeli, buyelani kuYehova, uThixo, ka-Abraham noIsake noSirayeli, abuyele kwabaseleyo kuni, abasindileyo esandleni sookumkani baseAsiriya.

7. Musani ukuba njengooyihlo, nanjengabazalwana benu, abênza ubumenemene kuYehova, uThixo wooyihlo, wabanikela baba yinto yokumangalisa, njengoko nikubonayo.

8. Musani ukuyenza lukhuni ngoku intamo yenu, njengooyihlo. Mnikeni uYehova isandla, nize engcweleni yakhe abeyingcwalisile ngonaphakade, nimkhonze uYehova uThixo wenu, kubuye kuni ukuvutha komsindo wakhe.

9. Ngokuba, ukuba nithe nabuyela kuYehova, abazalwana benu noonyana benu bofumana imfesane kwababathimbileyo, babuyele kweli lizwe; ngokuba unobabalo, unemfesane uYehova uThixo wenu; akayi kubufihla kuni ubuso bakhe, ukuba nithe nabuyela kuye.

10. Izigidimi ezo zathungela imizi ngemizi ezweni lakwaEfrayim nelakwaManase, zesa kwelakwaZebhulon. Bazihleka, bazigculela;

11. kodwa amadoda athile akwa-Ashere nawakwaManase nawakwaZebhulon azithoba, eza eYerusalem.

12. Kananjalo isandla sikaThixo sabakho kwaYuda, ukuba abanike ntliziyo-nye yokwenza umthetho wokumkani nowabathetheli, ngowelizwi likaYehova.

13. Kwahlangana eYerusalem abantu abaninzi, ukuze benze umthendeleko wezonka ezingenagwele ngenyanga yesibini; baba libandla elikhulu kunene.

14. Besuka, bazisusa izibingelelo ezibe ziseYerusalem, bazisusa zonke iziqhumiselo, baziphosa emlanjaneni oyiKidron.

15. Bayixhela ipasika ngolweshumi elinesiné usuku lweyesibini inyanga. Ababingeleli nabaLevi bazidanela, bazingcwalisa, bazisa amadini anyukayo endlwini kaYehova.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 30