8. Ngoko ke àfikelwa amaYuda neYerusalem buburhalarhume bukaYehova, wawanikela aba yinto yokufeketha, neyokumangalisa, neyomsondlo, njengoko nikubonayo ngamehlo enu.
9. Yabona, bawile oobawo likrele; oonyana bethu neentombi zethu nabafazi bethu basekuthinjweni ngenxa yoko.
10. Ngoku ke kusentliziyweni yam ukumenzela umnqophiso uYehova uThixo kaSirayeli, kubuye kúthi ukuvutha komsindo wakhe.
11. Nyana bam, kungokunje musani ukuhiliza; ngokuba uYehova uninyule, ukuze nime phambi kwakhe, nilungiselele kuye, nibe ngabalungiseleli nabaqhumiseli kuye.
12. Basuka ke abaLevi, ooMahati unyana ka-Amasayi, noYoweli unyana ka-Azariya, koonyana bamaKohati; nakoonyana bakaMerari, uKishe unyana ka-Abhedi, noAzariya unyana kaYehaleleli; nakumaGershon, uYowa unyana kaZima, noEden unyana kaYowa;
13. koonyana bakaElitsafan, uShimri noYehiyeli; nakoonyana baka-Asafu, uZekariya noMataniya;
14. nakoonyana bakaHeman, uYehiyeli noShimehi; koonyana bakaYedutun, uShemaya noUziyeli.
15. Babahlanganisa ke abazalwana babo, bazingcwalisa, bangena ngokomthetho wokumkani ngamazwi kaYehova, ukuyihlambulula indlu kaYehova.
16. Bángena phakathi kwendlu kaThixo ababingeleli, ukuze bayihlambulule; bayikhupha yonke into eyinqambi abayifumanáyo etempileni kaYehova, bayisa entendelezweni yendlu kaYehova. AbaLevi bayithabatha, ukuze bayikhuphele phandle, bayise emlanjaneni oyiKidron.
17. Baqala ukungcwalisa ngomhla wokuqala, ngenyanga yokuqala; ngomhla wesibhozo wenyanga leyo bafika evarandeni kaYehova. Bayingcwalisa ke indlu kaYehova imihla esibhozo, bagqiba ngomhla weshumi elinesithandathu wenyanga yokuqala.