Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 29:8-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ngoko ke àfikelwa amaYuda neYerusalem buburhalarhume bukaYehova, wawanikela aba yinto yokufeketha, neyokumangalisa, neyomsondlo, njengoko nikubonayo ngamehlo enu.

9. Yabona, bawile oobawo likrele; oonyana bethu neentombi zethu nabafazi bethu basekuthinjweni ngenxa yoko.

10. Ngoku ke kusentliziyweni yam ukumenzela umnqophiso uYehova uThixo kaSirayeli, kubuye kúthi ukuvutha komsindo wakhe.

11. Nyana bam, kungokunje musani ukuhiliza; ngokuba uYehova uninyule, ukuze nime phambi kwakhe, nilungiselele kuye, nibe ngabalungiseleli nabaqhumiseli kuye.

12. Basuka ke abaLevi, ooMahati unyana ka-Amasayi, noYoweli unyana ka-Azariya, koonyana bamaKohati; nakoonyana bakaMerari, uKishe unyana ka-Abhedi, noAzariya unyana kaYehaleleli; nakumaGershon, uYowa unyana kaZima, noEden unyana kaYowa;

13. koonyana bakaElitsafan, uShimri noYehiyeli; nakoonyana baka-Asafu, uZekariya noMataniya;

14. nakoonyana bakaHeman, uYehiyeli noShimehi; koonyana bakaYedutun, uShemaya noUziyeli.

15. Babahlanganisa ke abazalwana babo, bazingcwalisa, bangena ngokomthetho wokumkani ngamazwi kaYehova, ukuyihlambulula indlu kaYehova.

16. Bángena phakathi kwendlu kaThixo ababingeleli, ukuze bayihlambulule; bayikhupha yonke into eyinqambi abayifumanáyo etempileni kaYehova, bayisa entendelezweni yendlu kaYehova. AbaLevi bayithabatha, ukuze bayikhuphele phandle, bayise emlanjaneni oyiKidron.

17. Baqala ukungcwalisa ngomhla wokuqala, ngenyanga yokuqala; ngomhla wesibhozo wenyanga leyo bafika evarandeni kaYehova. Bayingcwalisa ke indlu kaYehova imihla esibhozo, bagqiba ngomhla weshumi elinesithandathu wenyanga yokuqala.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 29