Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 29:23-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Bazizisa iinkunzi zeebhokhwe zedini lesono phambi kokumkani nebandla, bacinezela ngezandla zabo phezu kwazo;

24. bazixhela ababingeleli, ukuba bawacamagushele amaSirayeli onke, ngokulenza nyulu igazi lazo esibingelelweni; ngokuba ukumkani ebethe makenzelwe onke amaSirayeli idini elinyukayo nedini lesono.

25. Wabamisa abaLevi endlwini kaYehova, benamacangci, benemirhubhe, beneehadi, ngokomthetho kaDavide, noGadi imboni yokumkani, noNatan umprofeti; ngokuba loo mthetho ubungokaYehova ngabaprofeti bakhe.

26. Bema abaLevi benempahla kaDavide, ababingeleli benamaxilongo.

27. Wathi uHezekiya, makunyuswe idini elinyukayo esibingelelweni. Lithe lakuqalwa idini elinyukayo, yaqala ingoma kaYehova namaxilongo, ngokokuhlabela kweempahla zikaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

28. Lonke ibandla laqubuda, iimvumi zivuma, abavuthelimaxilongo bevuthela; oko konke kwenziwa lada lagqitywa idini elinyukayo.

29. Kwakugqitywa ukunyuswa idini elinyukayo, ukumkani nabo bonke abafumaneka benaye, baguqa baqubuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 29