21. Bazisa iinkunzi ezintsha zeenkomo zasixhenxe, neenkunzi zeegusha zasixhenxe, neemvana zasixhenxe, neenkunzi zeebhokhwe zasixhenxe, ukuba zibe lidini lesono ngenxa yobukumkani, nangenxa yendawo engcwele, nangenxa yamaYuda. Wathi koonyana baka-Aron, ababingeleli, mabenze amadini anyukayo esibingelelweni sikaYehova.
22. Bazixhela iinkomo, ababingeleli balamkela igazi, balitshiza esibingelelweni; bazixhela iinkunzi zeegusha, balitshiza igazi esibingelelweni; bazixhela iimvana, balitshiza igazi esibingelelweni.
23. Bazizisa iinkunzi zeebhokhwe zedini lesono phambi kokumkani nebandla, bacinezela ngezandla zabo phezu kwazo;
24. bazixhela ababingeleli, ukuba bawacamagushele amaSirayeli onke, ngokulenza nyulu igazi lazo esibingelelweni; ngokuba ukumkani ebethe makenzelwe onke amaSirayeli idini elinyukayo nedini lesono.
25. Wabamisa abaLevi endlwini kaYehova, benamacangci, benemirhubhe, beneehadi, ngokomthetho kaDavide, noGadi imboni yokumkani, noNatan umprofeti; ngokuba loo mthetho ubungokaYehova ngabaprofeti bakhe.