Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 29:10-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ngoku ke kusentliziyweni yam ukumenzela umnqophiso uYehova uThixo kaSirayeli, kubuye kúthi ukuvutha komsindo wakhe.

11. Nyana bam, kungokunje musani ukuhiliza; ngokuba uYehova uninyule, ukuze nime phambi kwakhe, nilungiselele kuye, nibe ngabalungiseleli nabaqhumiseli kuye.

12. Basuka ke abaLevi, ooMahati unyana ka-Amasayi, noYoweli unyana ka-Azariya, koonyana bamaKohati; nakoonyana bakaMerari, uKishe unyana ka-Abhedi, noAzariya unyana kaYehaleleli; nakumaGershon, uYowa unyana kaZima, noEden unyana kaYowa;

13. koonyana bakaElitsafan, uShimri noYehiyeli; nakoonyana baka-Asafu, uZekariya noMataniya;

14. nakoonyana bakaHeman, uYehiyeli noShimehi; koonyana bakaYedutun, uShemaya noUziyeli.

15. Babahlanganisa ke abazalwana babo, bazingcwalisa, bangena ngokomthetho wokumkani ngamazwi kaYehova, ukuyihlambulula indlu kaYehova.

16. Bángena phakathi kwendlu kaThixo ababingeleli, ukuze bayihlambulule; bayikhupha yonke into eyinqambi abayifumanáyo etempileni kaYehova, bayisa entendelezweni yendlu kaYehova. AbaLevi bayithabatha, ukuze bayikhuphele phandle, bayise emlanjaneni oyiKidron.

17. Baqala ukungcwalisa ngomhla wokuqala, ngenyanga yokuqala; ngomhla wesibhozo wenyanga leyo bafika evarandeni kaYehova. Bayingcwalisa ke indlu kaYehova imihla esibhozo, bagqiba ngomhla weshumi elinesithandathu wenyanga yokuqala.

18. Bangena baya kuHezekiya ukumkani, bathi, Siyihlambulùle indlu yonke kaYehova, nesibingelelo sedini elinyukayo, neempahla zaso zonke, netafile yezonka ezicwangciswayo, neempahla zayo zonke.

19. Neempahla zonke awazilahlayo uAhazi, ngexa lokulawula kwakhe ngokwenza ubumenemene, sizilungisile sazingcwalisa; nanzo ziphambi kwesibingelelo sikaYehova.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 29