Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 29:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UHezekiya waba ngukumkani eminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAbhiya intombi kaZekariya.

2. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uDavide uyise.

3. Yena, ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe, ngenyanga yokuqala, wazivula iingcango zendlu kaYehova, wazilungisa.

4. Wabangenisa ababingeleli nabaLevi, wabahlanganisela ebaleni langasempumalanga, wathi kubo,

5. Ndiphulaphuleni, baLevi; zingcwaliseni kaloku; yingcwaliseni indlu kaYehova, uThixo wooyihlo, nikukhuphe ukungcola okusendaweni engcwele.

6. Ngokuba oobawo benza ubumenemene, benza okubi emehlweni kaYehova uThixo wethu, bamshiya, babusonga ubuso babo emnqubeni kaYehova, bawunikela ikhosi;

7. kananjalo bazivala iingcango zevaranda,* bazicima izibane, àbaqhumisela ngesiqhumiso, àbawanyusa amadini anyukayo engcweleni kuThixo kaSirayeli.

8. Ngoko ke àfikelwa amaYuda neYerusalem buburhalarhume bukaYehova, wawanikela aba yinto yokufeketha, neyokumangalisa, neyomsondlo, njengoko nikubonayo ngamehlo enu.

9. Yabona, bawile oobawo likrele; oonyana bethu neentombi zethu nabafazi bethu basekuthinjweni ngenxa yoko.

10. Ngoku ke kusentliziyweni yam ukumenzela umnqophiso uYehova uThixo kaSirayeli, kubuye kúthi ukuvutha komsindo wakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 29