Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 28:18-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. NamaFilisti ayingenela imizi yasezintilini, neyasezantsi yakwaYuda, ayithimba iBhete-shemeshe, neAyalon, neGederoti, neSoko namagxamesi ayo, neTimna namagxamesi ayo, neGimzo namagxamesi ayo, ahlala khona.

19. Ngokuba uYehova wawathoba amaYuda ngenxa ka-Ahazi, ukumkani wakwaSirayeli; ngokuba wenza inyala kwaYuda, wenza ubumenemene kuYehova.

20. UTilegati-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wamfikela, wambandezela, akamomeleza;

21. ngokuba uAhazi wayeyiphangile indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nabathetheli, wanika ukumkani waseAsiriya; akwamnceda nto noko.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 28