Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 27:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYotam ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguYerusha intombi kaTsadoki.

2. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise; kodwa akangenanga etempileni kaYehova; ke abantu bona babesabenza ububi.

3. Yena walakha isango eliphezulu lendlu kaYehova; wákha kakhulu naseludongeni lwaseOfele.

4. Wákha imizi kweleentaba lakwaYuda, nasemahlathini wákha iinqaba neemboniselo.

5. Walwa noonyana baka-Amon, waboyisa. Oonyana baka-Amon bamnika ngaloo mnyaka ikhulu leetalente* zesilivere, neshumi lamawaka eekore* zengqolowa, neshumi lamawaka erhasi. Oko baphinda bakuzisa kuye oonyana baka-Amon ngomnyaka wesibini nangowesithathu.

6. Womelela ke uYotam; ngokuba waziqinisela iindlela zakhe phambi koYehova uThixo wakhe.

7. Ezinye izinto zikaYotam, neemfazwe zakhe zonke, neendlela zakhe, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 27