Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 26:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha u-Uziya, akubon' ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.

2. Yakhiwa nguye iEloti, wayibuyisela kumaYuda, emva kokulala kokumkani kooyise.

3. U-Uziya ubeminyaka ilishumi elinamithandathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguYekoliya waseYerusalem.

4. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uAmatsiya uyise.

5. Wamquqela uThixo ngemihla kaZekariya, owamfundisayo ukumoyika uThixo; ngemihla yokumquqela kwakhe uYehova, uThixo wamenza wanempumelelo.

6. Waphuma walwa namaFilisti, waluqhekeza udonga lwaseGati, nodonga lwaseYabhene, nodonga lwaseAshdode, wákha imizi kummandla waseAshdode naphakathi kwamaFilisti.

7. UThixo wamnceda kumaFilisti, nakuma-Arabhi ahleli eGur-bhahali, nakumaMahan.

8. Ama-Amon amnika u-Uziya umnikelo. Igama lakhe laduma, lada laya kufika ekungeneni kweYiputa; ngokuba womelela wada wenyuka.

9. U-Uziya wákha iinqaba ezinde eYerusalem, esangweni lembombo, nasesangweni lomfula, nasembombeni yodonga, wazinqabisa ke.

10. Wákha iinqaba ezinde entlango, wemba amaqula amaninzi; ngokuba imfuyo yakhe yabe ininzi kwelentili nakwelamathafa. Ubenabalimi bomhlaba nabezidiliya ezintabeni naseKarmele; ngokuba wayethanda ukulima umhlaba.

11. U-Uziya ubenempi elwayo, ephuma umkhosi ngamaqela, ngenani lokubalwa kwabo ngesandla sikaYehuweli umbhali, noMahaseya umphathi, phantsi kolawulo lukaHananiya, ongomnye wakubathetheli bokumkani.

12. Lonke inani leentloko zezindlu zooyise, lamagorha anobukroti, lalingamawaka amabini anamakhulu mathandathu.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 26