Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 25:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UAmatsiya ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem.

2. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa kungengantliziyo ipheleleyo.

3. Kwathi, bakuqiniselwa ubukumkani kuye, wababulala abakhonzi bakhe, ababebulele ukumkani uyise.

4. Ke oonyana babo akababulalanga, kwanjengoko kubhaliweyo emyalelweni, encwadini kaMoses, apho uYehova ebewise khona umthetho wokuthi: Mabangabulawa ooyise ngenxa yoonyana, noonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesakhe isono.

5. UAmatsiya wawahlanganisa amaYuda onke, wawamisa ngokwezindlu zooyise, ngokwabathetheli-mawaka, nangokwabathetheli-makhulu, kuwo onke amaYuda namaBhenjamin; wababala, ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kunyuse. Wabafumana bengamakhulu amathathu amawaka amadodana anokuphuma umkhosi, ephethe iintonga namakhaka.

6. Waqesha kumaSirayeli ikhulu lamawaka amagorha anobukroti, ngekhulu leetalente* zesilivere.

7. Kweza ke umfo wakwaThixo kuye, esithi, Kumkani, mawungahambi nawe umkhosi wamaSirayeli; ngokuba akakho uYehova kumaSirayeli, koonyana bonke bakwaEfrayim.

8. Hamba wedwa, wenze womelele ekulweni; uThixo akayi kukuwisa phambi kotshaba; ngokuba uThixo unamandla okunceda nawokuwisa.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 25