Wenjenjalo uYowashe ukumkani, àkayikhumbula inceba abeyenzile uYehoyada, uyise kaZekariya, kuye; wesuka wambulala unyana wakhe. Ekufeni kwakhe wathi, UYehova wókhangela abuze.