Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 24:13-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Basebenza ke abenzi bomsebenzi; wenyuka umsebenzi wokuyihlaziya ezandleni zabo; bayimisa indlu kaThixo, yazinziswa, yazinyaswa.

14. Bakuyigqiba, bayizisa imali eseleyo phambi kokumkani noYehoyada, benza ngayo iimpahla zendlu kaYehova, iimpahla zokulungiselela, nezamadini anyukayo, neenkamba, neempahla zegolide nezesilivere. Baye benyusa amadini anyukayo endlwini kaYehova ngamaxesha onke, yonke imihla kaYehoyada.

15. Ke uYehoyada wayeseleyingwevu, ehambisekile ebudaleni, ukufa kwakhe. Ebeminyaka ilikhulu linamanci mathathu ezelwe, ukufa kwakhe.

16. Bamngcwabela emzini kaDavide kookumkani; ngokuba wenza okulungileyo kwaSirayeli, nakuThixo, nakwindlu yakhe.

17. Emva kokufa kukaYehoyada, beza abathetheli bakwaYuda, baqubuda kukumkani. Waza wabaphulaphula ukumkani.

18. Bayishiya indlu kaYehova, uThixo wooyise, bakhonza ooAshera* nezithixo. Afikelwa buburhalarhume amaYuda neYerusalem ngenxa yelo tyala lawo.

19. Wathuma abaprofeti kubo bokubabuyisela kuYehova, baqononondisa; ke bona àbaphulaphula noko.

20. UMoya kaThixo wamthi gqubuthu uZekariya, unyana kaYehoyada umbingeleli, wema phezu kwabantu, wathi kubo, Utsho uThixo ukuthi, Yini na ukuba niyigqithe imithetho kaYehova, nize ningabi nampumelelo? Ngokuba nimshiyile uYehova, wonishiya nani.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 24