Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 23:9-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. UYehoyada umbingeleli wabanika abathethelimakhulu iintshuntshe, neengweletshetshe, namakhaka, abengakakumkani uDavide, abesendlwini kaThixo.

10. Wabamisa bonke abantu, elowo eneentonga zakhe esandleni; bathabathela kwelokunene igxalaba lendlu besa kwelokhohlo igxalaba lendlu, ngasesibingelelweni nangasendlwini, kukumkani ngeenxa zonke.

11. Bamkhuphela phandle unyana wokumkani, bamfaka isithsaba, bamnika isingqiniso, bamenza ukumkani. UYehoyada noonyana bakhe bamthambisa, bathi, Makadle ubomi ukumkani!

12. Uthe uAtaliya akusiva isandi sabantu, begidima, bedumisa ukumkani, weza ebantwini endlwini kaYehova.

13. Wakhangela, wambona ukumkani emi endaweni ephakamileyo ekungeneni, abathetheli nabavutheli-maxilongo bengakukumkani; abantu bonke belizwe bevuya, bevuthela amaxilongo; iimvumi zineempahla zokuvuma, zihlabela awokudumisa. UAtaliya wazikrazula iingubo zakhe, wathi, Licebo! licebo!

14. UYehoyada umbingeleli wabawisela umthetho abathetheli-makhulu, abaveleli bomkhosi, wathi kubo, Mkhupheleni phandle phakathi kwezintlu; omlandelayo makabulawe ngekrele. Ngokuba ubesithi umbingeleli, Makangàbulawelwa endlwini kaYehova.

15. Bamkhwelela ke ngeenxa zombini; waya ekungeneni kwesango lamahashe endlwini yokumkani; bambulalela khona.

16. Wenza uYehoyada umnqophiso phakathi kwakhe nabantu bonke, nokumkani, ukuba babe ngabantu bakaYehova.

17. Baya bonke abantu endlwini kaBhahali,* bayidiliza; nezibingelelo zakhe, nemifanekiso yakhe bayiqhekeza; bambulala uMatan, umbingeleli kaBhahali, phambi kwezibingelelo.

18. UYehoyada wamisa abaveleli bendlu kaYehova ngesandla sababingeleli abangabaLevi, awabahlulela uDavide indlu kaYehova, ukuba banyuse amadini anyukayo kaYehova, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, benovuyo neengoma, ngoko kumiselwe nguDavide.

19. Wamisa abagcini-masango emasangweni endlu kaYehova, ukuze kungangeni uyinqambi nangantoni.

20. Wathabatha abathetheli-makhulu, nezinhanha, nabalawuli babantu, nabantu bonke belizwe, wehla nokumkani endlwini kaYehova; bangena ngesango eliphezulu lendlu yokumkani, bambeka ukumkani etroneni yokumkani.

21. Bavuya ke bonke abantu belizwe, umzi wazola; bambulala ke uAtaliya ngekrele.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 23