Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 23:18-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. UYehoyada wamisa abaveleli bendlu kaYehova ngesandla sababingeleli abangabaLevi, awabahlulela uDavide indlu kaYehova, ukuba banyuse amadini anyukayo kaYehova, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, benovuyo neengoma, ngoko kumiselwe nguDavide.

19. Wamisa abagcini-masango emasangweni endlu kaYehova, ukuze kungangeni uyinqambi nangantoni.

20. Wathabatha abathetheli-makhulu, nezinhanha, nabalawuli babantu, nabantu bonke belizwe, wehla nokumkani endlwini kaYehova; bangena ngesango eliphezulu lendlu yokumkani, bambeka ukumkani etroneni yokumkani.

21. Bavuya ke bonke abantu belizwe, umzi wazola; bambulala ke uAtaliya ngekrele.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 23