Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 23:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka wesixhenxe wazomeleza uYehoyada, wathabatha abathetheli-makhulu, uAzariya unyana kaYehoram, noIshmayeli unyana kaYehohanan, noAzariya unyana kaObhedi, noMahaseya unyana ka-Adaya, noElishafati unyana kaZikri, wanqophisana nabo.

2. Bajikeleza kwaYuda, babahlanganisa abaLevi emizini yonke yakwaYuda, neentloko zonke zezindlu zooyise zakwaSirayeli, beza nabo eYerusalem.

3. Lesuka lonke ibandla lenza umnqophiso nokumkani endlwini kaThixo. Wathi kubo uYehoyada, Yabonani, unyana wokumkani makabe ngukumkani, njengoko wakuthethayo uYehova ngonyana bakaDavide.

4. Yiyo le into eniya kuyenza; esinye isahlulo sesithathu kuni bangenayo ngesabatha, kubabingeleli nakubaLevi, sóba ngabagcini bamasango;

5. esinye isahlulo sesithathu sóba sendlwini yokumkani; esinye isahlulo sesithathu sóba seSangweni lesiSeko; abantu bonke boba sezintendelezweni zendlu kaYehova.

6. Ize kungangeni bani endlwini kaYehova, ngaphandle kwababingeleli nabalungiseleli bakubaLevi; bona baya kungena ngokuba bangcwele; bonke abantu bazigcine izigxina zikaYehova.

7. AbaLevi bomngqonga ukumkani ngeenxa zonke, elowo ephethe iintonga zakhe ngesandla; ongowumbi ongénayo endlwini makabulawe; babe nokumkani ekungeneni kwakhe nasekuphumeni kwakhe.

8. Benza ke abaLevi namaYuda onke njengako konke awabawisela umthetho ngako uYehoyada umbingeleli. Bathabatha elowo amadoda akhe, abengena ngesabatha nabephuma ngesabatha; ngokuba uYehoyada umbingeleli akawandululanga amaqela lawo.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 23