Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 22:8-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kwathi, ekugwetyweni kwendlu ka-Ahabhi nguYehu, wafumana abathetheli bakwaYuda, noonyana babazalwana baka-Ahaziya, ababelungiselela kuAhaziya, wababulala.

9. Wafunwa uAhaziya; bambamba ezimele kwaSamari, bamsa kuYehu, bambulala; bamngcwaba, ngokuba babesithi, Ngunyana kaYehoshafati, obemquqela uYehova ngentliziyo yakhe yonke.Indlu ka-Ahaziya yayingenabani unokuphatha ubukumkani.

10. Wathi ke uAtaliya, unina ka-Ahaziya, akubona ukuba ufile unyana wakhe, wesuka wayitshabalalisa ngobubhedengu yonke imbewu enobukhosi bendlu yakwaYuda.

11. UYehoshabhati, intombi yokumkani, wamthabatha uYowashe, unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawáyo, wambeka yena nomondli wakhe egumbini lokulala. UYehoshabhati, intombi yokumkani uYehoram, umkaYehoyada umbingeleli (ngokuba ubengudade boAhaziya), wamfihla kuAtaliya, ukuze angábulawa.

12. Wayenabo endlwini kaThixo, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu.Ke uAtaliya waba ngukumkanikazi welizwe elo.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 22