Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 21:8-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ngemihla yakhe amaEdom akreqa esandleni sakwaYuda, azenzela ukumkani.

9. Wagqitha uYehoram, enabathetheli bakhe, eneenqwelo zakhe zonke zokulwa; wavuka ebusuku, wawabulala amaEdom abemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa.

10. Akreqa ke amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda, unanamhla. Yaza yakreqa iLibhena esandleni sakhe kwangelo xesha; ngokuba ebemshiyile uYehova, uThixo wooyise.

11. Kananjalo, yena wenza izigánga ezintabeni zakwaYuda; wabahenyuzisa abemi baseYerusalem, wawawexula amaYuda.

12. Kweza kuye incwadi ivela kuEliya umprofeti, isithi, Útsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ngethuba lokuba ungàhambanga ngeendlela zikaYehoshafati uyihlo, nangeendlela zika-Asa ukumkani wakwaYuda;

13. usuké wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, wawahenyuzisa amaYuda nabemi baseYerusalem, ngokokuhenyuzisa kwendlu ka-Ahabhi; kananjalo wababulala abaninawa bakho bendlu kayihlo, ababelungile kunawe:

14. yabona, uYehova uya kubabetha ngesibetho esikhulu abantu bakho, noonyana bakho, nabafazi bakho, nempahla yakho yonke;

15. ke wena wobethwa zizifo ezininzi, sisifo sezibilini zakho, zide ziphume izibilini zakho sisifo semihla ngemihla.

16. UYehova wawaxhokonxa amaFilisti, nama-Arabhi asecaleni lamaKushi, ukuba amchase uYehoram.

17. Enyuka eza kwelamaYuda, atyhoboza, angena kulo, athimba yonke impahla eyafumaneka endlwini yokumkani, kwanoonyana bakhe, nabafazi bakhe; àbamshiya nanyana, yaba nguYehowahazi unyana wakhe omncinane yedwa.

18. Emveni kwezo zinto, uYehova wambetha ezibilinini zakhe ngesifo esingenakuphiliswa.

19. Kwathi ekuhambeni kwexesha, ekupheleni kweminyaka emibini esifa, zaphuma izibilini zakhe esifa njalo; wafa esezintlungwini ezinkulu. Abantu bakhe abamenzelanga baso njengebaso looyise.

20. Ubeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem; wemka engalilelwa bani. Bamngcwabela emzini kaDavide; kodwa àkangcwatyelwa emangcwabeni ookumkani.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 21