8. Ngemihla yakhe amaEdom akreqa esandleni sakwaYuda, azenzela ukumkani.
9. Wagqitha uYehoram, enabathetheli bakhe, eneenqwelo zakhe zonke zokulwa; wavuka ebusuku, wawabulala amaEdom abemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa.
10. Akreqa ke amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda, unanamhla. Yaza yakreqa iLibhena esandleni sakhe kwangelo xesha; ngokuba ebemshiyile uYehova, uThixo wooyise.
11. Kananjalo, yena wenza izigánga ezintabeni zakwaYuda; wabahenyuzisa abemi baseYerusalem, wawawexula amaYuda.
12. Kweza kuye incwadi ivela kuEliya umprofeti, isithi, Útsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ngethuba lokuba ungàhambanga ngeendlela zikaYehoshafati uyihlo, nangeendlela zika-Asa ukumkani wakwaYuda;
13. usuké wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, wawahenyuzisa amaYuda nabemi baseYerusalem, ngokokuhenyuzisa kwendlu ka-Ahabhi; kananjalo wababulala abaninawa bakho bendlu kayihlo, ababelungile kunawe:
14. yabona, uYehova uya kubabetha ngesibetho esikhulu abantu bakho, noonyana bakho, nabafazi bakho, nempahla yakho yonke;
15. ke wena wobethwa zizifo ezininzi, sisifo sezibilini zakho, zide ziphume izibilini zakho sisifo semihla ngemihla.
16. UYehova wawaxhokonxa amaFilisti, nama-Arabhi asecaleni lamaKushi, ukuba amchase uYehoram.
17. Enyuka eza kwelamaYuda, atyhoboza, angena kulo, athimba yonke impahla eyafumaneka endlwini yokumkani, kwanoonyana bakhe, nabafazi bakhe; àbamshiya nanyana, yaba nguYehowahazi unyana wakhe omncinane yedwa.