1. UYehoshafati walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide; uYehoram, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
2. Ubenabaninawa, oonyana bakaYehoshafati; uAzariya, noYehiyeli, noZekariya, noAzariya, noMikayeli, noShefatiya; bonke abo ngoonyana bakaYehoshafati, ukumkani wakwaSirayeli.
3. Uyise wabanika izipho ezininzi zesilivere nezegolide, nezinto ezintle, kunye nemizi enqatyisiweyo kwaYuda; ke ubukumkani wabunika uYehoram, ngokuba ebengowamazibulo.
4. Akuphakama uYehoram ebukumkanini bukayise, wazomeleza, wababulala bonke abaninawa bakhe ngekrele, nenxenye yeenkosana zakwaSirayeli.
5. Ubeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe uYehoram, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem.
6. Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli, njengoko yenza ngako indlu ka-Ahabhi; ngokuba wayezeké intombi ka-Ahabhi; wenza ububi emehlweni kaYehova.
7. Ke akavumanga uYehova ukuyonakalisa indlu kaDavide, ngenxa yomnqophiso awawenzela uDavide, njengoko wathethayo, ukuba uya kumnika isibane, kwanoonyana bakhe, yonke imihla.