Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 20:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ukuba sithe safikelwa bububi, nalikrele, nangumgwebo, nayindyikitya yokufa, nayindlala, sema phambi kwale ndlu, naphambi kwakho (ngokuba likulé ndlu igama lakho), sakhala kuwe ekubandezelekeni kwethu, wòsiva usindise.

10. Yabona ke naba oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni, yakwaSehire, owawungavumanga ukuba amaSirayeli abangenele ekuphumeni kwawo ezweni laseYiputa; ngokuba ábayeka, àkabatshabalalisa;

11. naba ke besibuyekeza ngokuza kusigxotha elifeni lakho, owasinikayo ukuba silidle.

12. Thixo wethu, akuyi kubagweba na? Ngokuba asinamandla okumelana nale ngxokolo ininzi isizelayo; thina asazi ukuba sothini na, kodwa amehlo ethu akuwe.

13. Ema ke onke amaYuda phambi koYehova, neentsana zawo, nabafazi bawo, noonyana bawo.

14. UYahaziyeli, unyana kaZekariya, unyana kaBhenaya, unyana kaYehiyeli, unyana kaMataniya, umLevi wakoonyana baka-Asafu, wafikelwa nguMoya kaYehova ephakathi kwebandla elo; wathi,

15. Bazani iindlebe, nonke maYuda, nani bemi baseYerusalem, nawe kumkani Yehoshafati. Útsho uYehova ukuthi kuni, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini ngenxa yale ngxokolo inje ukuba ninzi; ngokuba imfazwe le asiyeyenu, yekaThixo.

16. Yihlani ngomso niye kulwa nabo; nâbo benyuka ngeqhina leTsitsi; nobafumana ekupheleni kwesihlambo, phambi kwentlango yaseYeruweli.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 20