Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 20:23-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ngokuba oonyana baka-Amon nabakaMowabhi besuka balwa nabemi bentaba yakwaSehire, ukuba babasingele phantsi, babatshabalalise. Bakubagqiba abemi bakwaSehire, babulalana kwabodwa.

24. Afika amaYuda emboniselweni yasentlango, akhangela kuloo ngxokolo, abóna bezizidumbu, bequngqululzile emhlabeni, kungekho usindileyo.

25. UYehoshafati nabantu bakhe beza kuphanga amaxhoba; bafumana kubo into eninzi: impahla, nezidumbu, nezinto ezinqwenelekayo; baziphangela, kwayinkohla ukuyithwala. Baba ntsuku ntathu bewaphanga amaxhoba, ngokuba abemaninzi.

26. Ngomhla wesiné bahlanganisana eNtilini yokuBonga; kuba bambonga khona uYehova; ngenxa yoko bathi igama lale ndawo yiNtili yokuBonga, unanamhla.

27. Abuya onke amadoda akwaYuda nawaseYerusalem, uYehoshafati esentloko kuwo, ukuze abuye aye eYerusalem, enovuyo; ngokuba uYehova wenza ukuba azivuyelele iintshaba zawo.

28. Angena eYerusalem enemirhubhe, neehadi, namaxilongo, aya endlwini kaYehova.

29. Ukoyikwa kukaYehova kwazifikela zonke izikumkani zamazwe, zakuva ukuba uYehova ulwile neentshaba zakwaSirayeli.

30. Bazola ke ubukumkani bukaYehoshafati; uThixo wakhe wamphumza ngeenxa zonke.

31. UYehoshafati waye engukumkani kwaYuda; ubeminyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.

32. Wahamba ngendlela kayise uAsa, akatyeka kuyo; wenza okuthe tye emehlweni kaYehova.

33. Kodwa izigánga àbazisusanga; abantu babengekazibhekisi iintliziyo zabo kuThixo wooyise.

34. Ezinye izinto zikaYehoshafati, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaYehu unyana kaHanani, eyafakwa encwadini yookumkani bakwaSirayeli.

35. Emveni koko uYehoshafati ukumkani wakwaYuda wazimanya noAhaziya ukumkani wakwaSirayeli, lowo wenzayo okungendawo.

36. Wazimanya naye ngokwenza iinqanawa zokuya eTarshishe; bazenza iinqanawa e-Etsiyongebhere.

37. Waprofeta uEliyezere, unyana kaDodavahu waseMaresha, ngoYehoshafati, esithi, Ngokudibana kwakho noAhaziya, úyaphule uYehova imisebenzi yakho. Zaphuka ke iinqanawa ezo, azaba nakuya eTarshishe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 20