Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 20:20-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Bavuka kusasa ngengomso, baphuma baya entlango yeTekowa. Ekuphumeni kwabo wema uYehoshafati, wathi, Ndiphulaphuleni, nina maYuda, nani bemi baseYerusalem. Kholwani kuYehova uThixo wenu, nòzimaseka; kholwani kubaprofeti bakhe, noba nempumelelo.

21. Uthe akucebisana nabantu, wamisa iimvumi zikaYehvoa zokudumisa, zivethe ezingcwele, eziya kuphuma zihambe phambi kwabaxhobileyo, zisithi, bulelani kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

22. Bathe bakuqala ukumemelela nokudumisa, uYehova wabafikisela abalaleli oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, ababezé kumaYuda; babulawa.

23. Ngokuba oonyana baka-Amon nabakaMowabhi besuka balwa nabemi bentaba yakwaSehire, ukuba babasingele phantsi, babatshabalalise. Bakubagqiba abemi bakwaSehire, babulalana kwabodwa.

24. Afika amaYuda emboniselweni yasentlango, akhangela kuloo ngxokolo, abóna bezizidumbu, bequngqululzile emhlabeni, kungekho usindileyo.

25. UYehoshafati nabantu bakhe beza kuphanga amaxhoba; bafumana kubo into eninzi: impahla, nezidumbu, nezinto ezinqwenelekayo; baziphangela, kwayinkohla ukuyithwala. Baba ntsuku ntathu bewaphanga amaxhoba, ngokuba abemaninzi.

26. Ngomhla wesiné bahlanganisana eNtilini yokuBonga; kuba bambonga khona uYehova; ngenxa yoko bathi igama lale ndawo yiNtili yokuBonga, unanamhla.

27. Abuya onke amadoda akwaYuda nawaseYerusalem, uYehoshafati esentloko kuwo, ukuze abuye aye eYerusalem, enovuyo; ngokuba uYehova wenza ukuba azivuyelele iintshaba zawo.

28. Angena eYerusalem enemirhubhe, neehadi, namaxilongo, aya endlwini kaYehova.

29. Ukoyikwa kukaYehova kwazifikela zonke izikumkani zamazwe, zakuva ukuba uYehova ulwile neentshaba zakwaSirayeli.

30. Bazola ke ubukumkani bukaYehoshafati; uThixo wakhe wamphumza ngeenxa zonke.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 20