Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 20:2-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Beza bamxelela uYehoshafati, bathi, Kuza kuwe ingxokolo eninzi, evela phesheya kolwandle kwa-Aram; nantso eHatsetson-tamare, eyiEngedi.

3. Woyika uYehoshafati, wazinikela ngokwakhe ekumquqeleni uYehova, wathi makuzilwe ukudla ngamaYuda onke.

4. Ahlanganisana ke amaYuda, efuna uncedo kuYehova; nasemizini yonke yakwaYuda baphuma bequqela uYehova.

5. Wema uYehoshafati ebandleni lakwaYuda nelaseYerusalem, endlwini kaYehova, phambi kwentendelezo entsha, wathi, Yehova, Thixo woobawo, asinguwe na onguThixo emazulwini?

6. Asinguwe na umlawuli ezikumkanini zonke zeentlanga? Akasesandleni sakho na amandla nobugorha, ukuba kungabikho unokumelana nawe?

7. Asinguwe na uThixo wethu, owabagqogqayo abemi beli lizwe phambi kwabantu bakho amaSirayeli, waza walinika imbewu ka-Abraham okuthandayo, ngonaphakade?

8. Bahlala kulo, bakwakhela kulo indawo engcwele ngenxa yegama lakho, besithi,

9. Ukuba sithe safikelwa bububi, nalikrele, nangumgwebo, nayindyikitya yokufa, nayindlala, sema phambi kwale ndlu, naphambi kwakho (ngokuba likulé ndlu igama lakho), sakhala kuwe ekubandezelekeni kwethu, wòsiva usindise.

10. Yabona ke naba oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni, yakwaSehire, owawungavumanga ukuba amaSirayeli abangenele ekuphumeni kwawo ezweni laseYiputa; ngokuba ábayeka, àkabatshabalalisa;

11. naba ke besibuyekeza ngokuza kusigxotha elifeni lakho, owasinikayo ukuba silidle.

12. Thixo wethu, akuyi kubagweba na? Ngokuba asinamandla okumelana nale ngxokolo ininzi isizelayo; thina asazi ukuba sothini na, kodwa amehlo ethu akuwe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 20