Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 2:7-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ndíthumele ke ngoko indoda enobugcisa ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangemisonto emfusa nebomvu nemsi, ekwaziyo ukukrola ndawonye nabalumkileyo abakum kwaYuda naseYerusalem, abalungiswáyo nguDavide ubawo.

8. Ndíthumele nemisedare, nemisipres,* nemialgumi,* evela eLebhanon; ngokuba ndiyazi mna ukuba abakhonzi bakho bayakwazi ukugawula imithi eLebhanon.

9. Yabona abakhonzi bam bohamba nabakhonzi bakho, bandilungisele imithi emininzi; ngokuba indlu endiyakhayo inkulu ngokubalulekileyo.

10. Yabona ábaqingqi abo nabasebenzi bemithi, ábakhonzi bakho abo, ndobanika ingqolowa ukuba ibe kukudla, iikore* ezingamawaka angamashumi mabini, nerhasi iikore ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate* zewayini ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate zeoli ezingamawaka angamashumi mabini.

11. UHiram ukumkani waseTire wathumela kuSolomon ngokubhala, wathi, UYehova, ngokubathanda kwakhe abantu bakhe, ukumisile ukuba ube ngukumkani kubo.

12. Wathi uHiram, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, owenza izulu nehlabathi, omnikileyo uDavide ukumkani unyana olumkileyo, owaziyo, oqiqayo, oqondayo, oya kumakhela indlu uYehova, nendlu yobukumkani bakhe.

13. Ngoko ndithumela indoda eligcisa, eyaziyo, eqondayo, inkunkqele uHuram,

14. unyana wentokazi yasezintombini zakwaDan. Uyise ngumfo waseTire, okwaziyo ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangamatye, nangemithi, nangemisonto emfusa nemsi, nangelinen ecikizekileyo, nangemisonto ebomvu, nokukrola konke, nokuyila zonke iintlobo zomsebenzi awuphathisiweyo, ndawonye nezilumko zakho, nezilumko zenkosi yam, uDavide uyihlo.

15. Ingqolowa ke, nerhasi, neoli, newayini, ethethe ngazo inkosi yam, mayizithumele kubakhonzi bayo.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 2