Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 2:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. USolomon wacinga ukulakhela indlu igama likaYehova, nokubakhela indlu ubukumkani bakhe.

2. USolomon wamisa amashumi osixhenxe amawaka amadoda angabathwali, namashumi asibhozo amawaka amadoda angabaqingqi bamatye, nangabasebenzi bemithi, ezintabeni; nabongameli bawo abangamawaka amathathu anamakhulu mathandathu.

3. Wathumela uSolomon kuHiram ukumkani waseTire, wathi, Njengoko wakwenzayo kuDavide ubawo, wathumela kuye imisedare* yokuzakhela indlu yokuba ahlale kuyo, yènjenjalo nakum.

4. Yabona, ndilakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, ukuba ingcwaliselwe yena, kuqhunyiselwe phambi kwakhe isiqhumiso esiqholiweyo, kucwangciswe ngamaxesha onke ukucwangciswa kwezonka, kunyuswe amadini anyukayo kusasa nangokuhlwa, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo nguYehova uThixo wethu; yeyaphakade loo nto kumaSirayeli.

5. Indlu endiyakhayo inkulu; ngokuba mkhulu uThixo wethu koothixo bonke.

6. Ngubani na onamandla okumakhela indlu; ngokuba izulu, nezulu lawo amazulu, alimlingene? Ndingubani na ke mna, ukuba ndimakhele indlu, ingába yeyokuqhumisela phambi kwakhe kodwa?

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 2