Wathi umntu watyeda isaphetha efunisela, watola ukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo. Wathi kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undikhuphele ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe.