Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 18:19-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wejenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.

20. Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna.

21. Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na? Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Mlukuhle ufeze; phuma uye, wenjenjalo.

22. Uyabona kaloku uYehova ungenisé umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho; uYehova uthethé okubi ngawe.

23. Wesuka uZedekiya, unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Úgqithe ngayiphi na indlela uMoya kaYehova ukumka kum, ukuba aye kuthetha nawe?

24. Wathi uMikaya, Khangela, ùya kubona ngaloo mini, ùya kuza uthungele amagumbi, uzímela.

25. Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabatheni uMikaya, nibuye naye, nimse kuAmoni umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani.

26. Nithi, Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo.

27. Wathi uMikaya, Ukuba uthe wabuya wabuya unoxolo, woba uYehova akathethanga ngam. Wathi, Yivani nonke, zizwe ziphela.

28. Wenyuka ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, baya eRamoti yaseGiliyadi.

29. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; yambatha iingubo zakho wena. Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli, bangena ekulweni.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 18