Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 18:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke uYehoshafati ube enobutyebi nozuko ngokukhulu, wazekelana noAhabhi.

2. Wehla ekupheleni kweminyaka ethile, waya kuAhabhi kwaSamari. UAhabhi wamxhelela impahla emfutshane neenkomo ezininzi, waxhelela nabantu abenabo, wamcenga ukuba anyuke naye aye eRamoti yaseGiliyadi.

3. Wathi uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati ukumkani wakwaYuda, Wòhamba na nam, siye kulwa neRamoti yaseGiliyadi? Wathi kuye, Ndinjengawe, abantu bam banjengabantu bakho; soya nawe ekulweni.

4. Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuzise elanamhla ilizwi likaYehova.

5. Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, amakhulu amané amadoda, wathi kubo, Siye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka, uThixo wóyinikela esandleni sokumkani.

6. Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?

7. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuYehova, ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi imihla yayo yonke; nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani.

8. Waza ukumkani wakwaSirayeli wabiza umbusi, wathi, Khawulezisa uMikaya unyana kaImla, eze apha.

9. Ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati ukumkani wakwaYuda babehleli elowo etroneni yakhe, bambethe iingubo zabo, behleli ebaleni, ekungeneni esangweni lakwaSamari; bonke abaprofeti beprofeta phambi kwabo.

10. Ke uZedekiya, unyana kaKenahana, wazenzela iimpondo zesinyithi, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ùya kuwangqula ngazo ezi ama-Aram,* ude uwagqibe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 18