1. UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; womelela, wawachasa amaSirayeli.
2. Wabeka imikhosi emizini yonke enqatyisiweyo yakwaYuda, wamisa iikampu elizweni lakwaYuda, nasemizini yakwaEfrayim, awayithimbayo uAsa uyise.
3. UYehova wabo noYehoshafati; ngokuba wahamba ngeendlela zikaDavide uyise, ezokuqala zona; akabaquqela ooBhahali;*
4. ke waquqela uThixo kayise, wahamba ngemithetho yakhe; akahamba ngezenzo zakwaSirayeli.
5. UYehova wabuzinzisa ubukumkani bakhe esandleni sakhe; onke amaYuda azisa iminikelo kuYehoshafati; waba nobutyebi nozuko ngokukhulu.