Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 17:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; womelela, wawachasa amaSirayeli.

2. Wabeka imikhosi emizini yonke enqatyisiweyo yakwaYuda, wamisa iikampu elizweni lakwaYuda, nasemizini yakwaEfrayim, awayithimbayo uAsa uyise.

3. UYehova wabo noYehoshafati; ngokuba wahamba ngeendlela zikaDavide uyise, ezokuqala zona; akabaquqela ooBhahali;*

4. ke waquqela uThixo kayise, wahamba ngemithetho yakhe; akahamba ngezenzo zakwaSirayeli.

5. UYehova wabuzinzisa ubukumkani bakhe esandleni sakhe; onke amaYuda azisa iminikelo kuYehoshafati; waba nobutyebi nozuko ngokukhulu.

6. Yaphakama intliziyo yakhe ezindleleni zikaYehova; kananjalo wazisusa izigánga nooAshera* kwaYuda.

7. Ngomnyaka wesithathu wokuba ngukumkani kwakhe, wabathumela abathetheli bakhe, uBhen-hayile, no-Obhadiya, noZekariya, noNataniyeli, noMikaya, ukuba bafundise emizini yakwaYuda;

8. benabaLevi, uShemaya, noNetaniya, noZebhadiya, noAsaheli, noShemiramoti, noYehonatan, noAdoniya, noTobhiya, noTobhadoniya, abaLevi ke abo; benoElishama noYehoram ababingeleli.

9. Bafundisa ke kwaYuda, benencwadi yomyalelo kaYehova, bayijikeleza imizi yonke yakwaYuda, bebafundisa abantu.

10. Zonke izikumkani zamazwe ajikelezé amaYuda zangenelwa kukoyika uYehova, àzalwá noYehoshafati.

11. NakumaFilisti babekho abazìsa iminikelo nemithwalo kuYehoshafati yesilivere; kananjalo ama-Arabhi ázisa kuye impahala emfutshane, amawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeegusha, namawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeebhokhwe.

12. UYehoshafati waya eba mkhulu ngokuba mkhulu, wada wenyuka wákha kwaYuda iinqaba nemizi engoovimba.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 17