Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 15:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Bafunga kuYehova ngezwi elikhulu, nangokuduma, nangamaxilongo, nangezigodlo.

15. Asivuyela onke amaYuda isifungo eso; ngokuba afunga ngentliziyo yawo yonke, amquqela ngemvume yawo yonke, amfumana; uYehova wawaphumza ngeenxa zonke.

16. Kananjalo ukumkani wamguzula uMahaka unina, ukuba angabi saba yinkosikazi; ngokokuba wayemenzele uAshera* isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasixhaxha isithixo sakhe, wasithi vithivithi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.

17. Ke izigánga àzisuswanga kwaSirayeli; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe igqibelele yonke imihla yakhe.

18. Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezinto zakhe ezingcwele, endlwini kaThixo, isilivere, negolide, nempahla.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 15