Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 15:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UMoya kaThixo wamfikela uAzariya, unyana kaOdede.

2. Waphuma, esiya kukhawulela uAsa, wathi kuye, Ndiphulaphuleni, Asa, nani nonke maYuda namaBhenjamin; uYehova unáni ekubeni ninaye; ukuba nithe namquqela, nomfumana; ukuba nithe namshiya, wonishiya nani.

3. AmaSirayeli ayenemihla emininzi engenaThixo wenyaniso, engenambingeleli uyalayo, engenamthetho.

4. Ke athi ekubandezelekeni kwawo, akubuyela kuYehova, uThixo kaSirayeli, ukuba amquqele, amfumana.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 15