Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 15:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UMoya kaThixo wamfikela uAzariya, unyana kaOdede.

2. Waphuma, esiya kukhawulela uAsa, wathi kuye, Ndiphulaphuleni, Asa, nani nonke maYuda namaBhenjamin; uYehova unáni ekubeni ninaye; ukuba nithe namquqela, nomfumana; ukuba nithe namshiya, wonishiya nani.

3. AmaSirayeli ayenemihla emininzi engenaThixo wenyaniso, engenambingeleli uyalayo, engenamthetho.

4. Ke athi ekubandezelekeni kwawo, akubuyela kuYehova, uThixo kaSirayeli, ukuba amquqele, amfumana.

5. Ngaloo maxesha kwakungekho luxolo kophumayo nakongenayo, zaba ziziphithiphithi ezikhulu kubemi bonke bamazwe.

6. Uhlanga lwaqotywa luhlanga, umzi ngumzi; ngokuba uThixo wabadubaduba ngeembandezelo zonke.

7. Ke nina yomelelani; mazingawi izandla zenu; ngokuba umsebenzi wenu unomvuzo.

8. Wathi uAsa, akuweva loo mazwi nesiprofeto sikaOdede umprofeti, womelela, wazikhwelelisa zonke izinto ezinezothe ezweni lonke lakwaYuda nelakwaBhenjamin, nasemizini abeyithimbile kweleentaba lakwaEfrayim; wasihlaziya isibingelelo sikaYehova, esiphambi kwevaranda* kaYehova.

9. Wawahlanganisa onke amaYuda namaBhenjamin nabasemzini ababekuwo, bakwaEfrayim, nabakwaManase, nabakwaSimon; ngokuba bagalela kuye abakwaSirayeli babaninzi, bakubona ukuba uYehova uThixo wakhe unaye.

10. Babuthelana ke eYerusalem ngenyanga yesithathu, ngomnyaka weshumi elinesihlanu wobukumkani buka-Asa,

11. babingelela kuYehova ngaloo mhla, bethabatha kumaxhoba ababeze nawo: amakhulu asixhenxe eenkomo, namawaka asixhenxe empahla emfutshane.

12. Benza umnqophiso wokumquqela uYehova, uThixo wooyise, ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke; bathi,

13. Bonke abasukuba bengamquqeli uYehova, uThixo kaSirayeli, mababulawe, kuthabathele komncinane kuse komkhulu; kuthabathele kwindoda kuse kwinkazana.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 15