1. UAbhiya walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; ke uAsa unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.
2. UAsa wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
3. Wazisusa izibingelelo nezigánga zezithixo zolunye uhlanga; waziqhekeza izimiso zamatye, wabagawula ooAshera.*
4. Wathi kumaYuda makamquqele uYehova, uThixo wooyise, awenze umyalelo nomthetho.
5. Wazisusa ke emizini yonke yakwaYuda izigánga, neentsika zelanga; bazola ubukukani phambi kwakhe.
6. Wákha imizi enqatyisiweyo kwaYuda; ngokuba ilizwe belizolile, kungekho mfazwe ayilwayo ngaloo minyaka; ngokuba uYehova wayemphumzile.