1. UAbhiya walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; ke uAsa unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.
2. UAsa wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
3. Wazisusa izibingelelo nezigánga zezithixo zolunye uhlanga; waziqhekeza izimiso zamatye, wabagawula ooAshera.*
4. Wathi kumaYuda makamquqele uYehova, uThixo wooyise, awenze umyalelo nomthetho.
5. Wazisusa ke emizini yonke yakwaYuda izigánga, neentsika zelanga; bazola ubukukani phambi kwakhe.
6. Wákha imizi enqatyisiweyo kwaYuda; ngokuba ilizwe belizolile, kungekho mfazwe ayilwayo ngaloo minyaka; ngokuba uYehova wayemphumzile.
7. Wathi ke kumaYuda, Masiyakhe le mizi, siyijikeleze ngeendonga neenqaba ezinde, senze iingcango nemivalo, lisephambi kwethu nje ilizwe; ngokuba simquqele uYehova uThixo wethu samquqela, wasiphumza ke ngeenxa zonke. Bayakha baba nempumelelo.
8. Ke kaloku uAsa wayenempi ephatha amakhaka nezikhali: kwaYuda ingamakhulu amathathu amawaka; nakwaBhenjamin, abaphatha iingweletshetshe nabatyeda izaphetha babengamakhulu, amabini anamanci asibhozo amawaka. Bonke abo babengamagorha anobukroti.
9. Kwaphuma kwaza kulwa nabo uZera umKushi, enempi eliwaka lamawaka, neenqwelo zokulwa ezimakhulu mathathu; wada weza eMaresha.
10. Waphuma uAsa esiya kumhlangabeza, bákha izintlu emfuleni weTsefata eMaresha.