Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 11:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Weza uRehabheham eYerusalem, wabizela ndawonye indlu yakwaYuda neyakwaBhenjamin, ikhulu elinamanci asibhozo amawaka amadodana okulwa imfazwe, ukuba aye kulwa namaSirayeli, bubuyiselwe ubukumkani kuRehabheham.

2. Lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, umfo wakwaThixo, lisithi,

3. Yitsho kuRehabheham unyana kaSolomon, ukumkani wakwaYuda, nakumaSirayeli onke, kwaYuda nakwaBhenjamin, ukuthi,

4. Utsho uYehova ukuthi, Ize ningànyuki; ize ningàlwi nabazalwana benu. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphume kum le nto. Baliphulaphula izwi likaYehova, babuya ekuyeni kulwa noYarobheham.

5. Wahlala uRehabheham eYerusalem, wákhe imizi yokunqabisa kwaYuda.

6. Wákha iBhetelehem, ne-Etam, neTekowa,

7. neBhete-tsure, neSoko, neAdulam,

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 11