Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 11:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Weza uRehabheham eYerusalem, wabizela ndawonye indlu yakwaYuda neyakwaBhenjamin, ikhulu elinamanci asibhozo amawaka amadodana okulwa imfazwe, ukuba aye kulwa namaSirayeli, bubuyiselwe ubukumkani kuRehabheham.

2. Lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, umfo wakwaThixo, lisithi,

3. Yitsho kuRehabheham unyana kaSolomon, ukumkani wakwaYuda, nakumaSirayeli onke, kwaYuda nakwaBhenjamin, ukuthi,

4. Utsho uYehova ukuthi, Ize ningànyuki; ize ningàlwi nabazalwana benu. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphume kum le nto. Baliphulaphula izwi likaYehova, babuya ekuyeni kulwa noYarobheham.

5. Wahlala uRehabheham eYerusalem, wákhe imizi yokunqabisa kwaYuda.

6. Wákha iBhetelehem, ne-Etam, neTekowa,

7. neBhete-tsure, neSoko, neAdulam,

8. neGati, neMaresha, neZifi,

9. neAdorayim, neLakishe, neAseka,

10. neTsora, neAyalon, nowaseHebron, ekwaYuda nekwaBhenjamin, imizi enqatyisiweyo.

11. Waziqinisa iinqaba, wabeka iingànga zamadoda kuzo, noovimba bokudla neoli newayini.

12. Nakwimizi ngemizi yonke wabeka amakhaka, nezikhali; wayiqinisa kakhulu kunene. Aba kuye amaYuda namaBhenjamin.

13. Ababingeleli nabaLevi ababekwelakwaSirayeli lonke bathelela kuye, bevela emideni yabo yonke.

14. Ngokuba abaLevi bawashiya amadlelo abo, nemfuyo yabo, beza kwaYuda naseYerusalem; ngokuba uYarobheham noonyana bakhe babebakhuphile, ukuba bangabi ngababingeleli kuYehova;

15. wazimisela ababingeleli bezigánga, nabamaxhonti, nabamathole awawenzáyo.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 11