Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 10:17-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ke oonyana bakaSirayeli, ababehleli emizini yakwaYuda, uRehabheham waba ngukumkani kubo.

18. Ukumkani uRehabheham wathuma uAdoram, obephethe abafakwa uviko. Besuka oonyana bakaSirayeli, bamxuluba ngamatye, wafa. Ukumkani uRehabheham wakhawuleza waya kukhwela enqwelweni yakhe, ukuba asabele eYerusalem.

19. Akreqa ke amaSirayeli endlwini kaDavide, unanamhla.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 10