Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 1:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. USolomon, unyana kaDavide, womelela ebukumkanini bakhe; uYehova uThixo wakhe waba naye, wamenza mkhulu, wamphakamisa.

2. Wathetha uSolomon kumaSirayeli onke, kubathetheli bamawaka nabamakhulu, nakubagwebi, kwizikhulu zonke, kumaSirayeli onke, kwiintloko zezindlu zooyise.

3. Baya ke ooSolomon nebandla lonke elo esigangeni esibe siseGibheyon; ngokuba yabe ikhona intente yokuhlangana kaThixo, awayenzayo uMoses umkhonzi kaThixo entlango.

4. Ke yona ityeya kaThixo wayeyinyusile uDavide eKiriyati-yeharim, wayisa kuloo ndawo abeyilungisele yona uDavide; ngokuba wayeyimisele intente eYerusalem.

5. Isibingelelo sobhedu, abesenzile uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, sasilapho phambi komnquba kaYehova; bamquqela uYehova ooSolomon nebandla kwisibingelelo eso,

6. Wenyusa khona uSolomon esibingelelweni sobhedu phambi koYehova, esibe singasententeni yokuhlangana, wenyusa kuso amadini anyukayo aliwaka.

7. UThixo wabonakala ngobo busuku kuSolomon, wathi kuye, Cela into, ndikuphe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 1