Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 9:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwakukho ndoda yakwaBhenjamin, igama lalinguKishe, unyana ka-Abhiyeli, unyana kaTserore, unyana kaBhekorati, unyana ka-Afiya, unyana womBhenjamin, indoda esisityebi.

2. Yayinonyana ogama linguSawule, umfo omtsha, omhle, ebekungekho mfo phakathi koonyana bakaSirayeli umhle kunaye; ethabathela emagxeni akhe anyuse, ubemde kubantu bonke.

3. Ke kaloku uKishe, uyise kaSawule, walahlekelwa ziimazi zakhe zamaesile. Wathi uKishe kuSawule unyana wakhe, Khawuthabathe omnye kubafana ahambe nawe, usuke uye kuzifuna iimazi zamaesile.

4. Wacanda kweleentaba lakwaEfrayim, wacanda nasezweni laseShalisha; àbazifumana. Wacanda nasezweni laseShahalim, azabakho; wacanda nasezweni lakwaBenjamin, àbazifumana.

5. Bakufika ezweni lakwaTsufi, uSawule wathi kumfana obenaye, Hamba sibuye, hleze ubawo azincame iimazi zamaesile, abe nesithukuthezi ngathi.

6. Wathi ke yena kuye, Uyabona ke, kulo mzi kukho umntu kaThixo; ngumntu ozukileyo; konke akuthethayo kuyenzeka ngenene. Makhe siye khona ke, mhlawumbi angasibonisa indlela yethu esohamba ngayo.

7. Wathi uSawule kumfana lowo, Yabona, sihamba nje, siya kumnika ntoni na umntu lowo? Kuba isonka siphelile empahleni yethu; akukho sipho singasisa kumntu kaThixo.

8. Into esinayo yintoni na? Waphinda umfana wamphendula uSawule, wathi, Nanku kufumaneke esandleni sam isahlulo sesiné seshekele* yesilivere; ndosinika umntu kaThixo, asibonise indlela yethu.

9. Ngaphambili, kwaSirayeli, umntu xa aya kubuza kuThixo ubesithi, Hamba siye kwimboni; ngokuba onguprofeti namhla bekusithiwa yimboni ngenxa engaphambili.

10. Wathi uSawule kumfana lowo, Lihle ilizwi lakho; hamba siye.Bahamba baya kuloo mzi, apho umntu kaThixo wayekhona.

11. Bathi benyuka eqhineni lomzi, baqubisana nomthinjana, uphuma usiya kukha amanzi; bathi kuwo, Ikho na apha imboni?

12. Wabaphendula, wathi, Ikho, nantso phambi kwenu; khawulezani ngoku, kuba ifike namhlanje kulo mzi, ngokuba abantu banombingelelo namhla esigangeni;

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 9