Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 8:6-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Laba libi elo zwi emehlweni kaSamuweli, xa bathi, Sinike ukumkani wokusilawula. Wathandaza uSamuweli kuYehova.

7. Wathi uYehova kuSamuweli, Liphulaphule izwi labantu entweni yonke abayithethayo kuwe; ngokuba ingenguwe abamgibileyo, bagibé mna, ukuze ndingabi ngukumkani kubo.

8. Ngokwezenzo zonke abazenzileyo, kuselokwemini endabanyusayo eYiputa kwada kwaba namhla, bandishiya, bakhonza thixo bambi, benjenjalo namhla nakuwe.

9. Liphulaphule ngoko izwi labo; kodwa uze ubaqononondise kakuhle, ubaxelele isiko aya kuphatha ngalo ukumkani oya kuba ngukumkani wabo.

10. Wabaxelela ke uSamuweli abo bantu babebiza ukumkani kuye onke amazwi kaYehova.

11. Wathi, Lilo eli ísiko lokumkani oya kuba ngukumkani kuni: Oonyana benu uya kubathabatha abamisele yena ezinqwelweni zakhe zokulwa, nasemahasheni akhe akhwelwayo, babaleke phambi kwenqwelo yakhe;

12. abamisele yena babe ngabathetheli bamawaka, naBathetheli bamashumi ngamahlanu, balíme amasimi akhe, bavune ukutya kwakhe, benzé iimpahla zakhe zemfazwe neempahla zenqwelo yakhe.

13. Iintombi zenu wozithabatha zibe ngabaqholikazi, nabapheki, nabosi bezonka.

14. Amasimi enu wówathabatha, nezidiliya zenu, nezinquma zenu ezona zilungileyo, azinike abakhonzi bakhe;

15. nesishumi sembewu yenu asibize, nesezidiliya zenu, asinike ababusi bakhe nabakhonzi bakhe.

16. Abakhonzi benu uya kubathabatha, nabakhonzazana benu, namadodana enu, namaesile enu, enze umsebenzi wakhe;

17. isishumi sempahla yenu emfutshane asibize; nina nibe ngabakhonzi bakhe.

18. Niya kukhala ngaloo mini ngokumkani wenu enazinyulelayo, anganiphenduli uYehova ngaloo mini.

19. Àbavuma abantu ukuliphulaphula ilizwi likaSamuweli; bathi, Hayi, inene, masibe nokumkani;

20. nathi sibe njengeentlanga ezi zonke, asilawule ukumkani wethu, aphume phambi kwethu, alwe iimfazwe zethu.

21. Waweva uSamuweli onke amazwi abantu, wawathetha ezindlebeni zikaYehova.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 8