Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 8:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, xenikweni uSamuweli alixhego, wabamisa oonyana bakhe baba ngabagwebi kumaSirayeli.

2. Igama lonyana wakhe wamazibulo lalinguYoweli, igama lowesibini lalinguAbhiya; bengabagwebi eBher-shebba.

3. Oonyana bakhe abahambanga ngendlela yakhe, banabela inzuzo embi, bamkela izicengo, basijika isigwebo.

4. Aza ahlanganisana onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, eza kuSamuweli eRama,

5. athi kuye, Uyabona, wàluphele wena, oonyana bakho abahambi ngendlela yakho; simisele ngoko ukumkani wokusilawula, njengeentlanga ezi zonke.

6. Laba libi elo zwi emehlweni kaSamuweli, xa bathi, Sinike ukumkani wokusilawula. Wathandaza uSamuweli kuYehova.

7. Wathi uYehova kuSamuweli, Liphulaphule izwi labantu entweni yonke abayithethayo kuwe; ngokuba ingenguwe abamgibileyo, bagibé mna, ukuze ndingabi ngukumkani kubo.

8. Ngokwezenzo zonke abazenzileyo, kuselokwemini endabanyusayo eYiputa kwada kwaba namhla, bandishiya, bakhonza thixo bambi, benjenjalo namhla nakuwe.

9. Liphulaphule ngoko izwi labo; kodwa uze ubaqononondise kakuhle, ubaxelele isiko aya kuphatha ngalo ukumkani oya kuba ngukumkani wabo.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 8