Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 7:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wathi uSamuweli, Wahlanganiseleni eMizpa onke amaSirayeli, ndinithandazele kuYehova.

6. Ahlanganiselana eMizpa, akha amanzi, awaphalaza phambi koYehova, azila ukudla ngaloo mini, athi khona, Sonile kuYehova. Wabalawula uSamuweli oonyana bakaSirayeli eMizpa.

7. Eva amaFilisti ukuba oonyana bakaSirayeli bahlanganiselene eMizpa, zenyuka izikhulu zamaFilisti, zawaphumela amaSirayeli. Beva oonyana bakaSirayeli, bawoyika amaFilisti.

8. Bathi oonyana bakaSirayeli kuSamuweli, Musa ukuyeka ukusikhalela kuYehova uThixo wethu, asisindise esandleni samaFilisti.

9. USamuweli wathabatha itakane elanyayo, walinyusa lalidini elinyukayo lonke liphela kuYehova. Wakhala uSamuweli kuYehova ngenxa yamaSirayeli; uYehova wamphendula.

10. Kwathi, xa uSamuweli alinyusayo idini elinyukayo, amaFilisti asondela, esiza kulwa namaSirayeli. UYehova wadudumisa ngezwi elikhulu loo mini kumaFilisti, wawaqungaqunga; abulawa phambi kwamaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 7