Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 4:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi likaSamuweli laya kumaSirayeli onke.Aphuma amaSirayeli, eya kuwahlangabeza amaFilisti alwe nawo; amisa iintente ngase-Ebhenezere, amaFilisti amisa eAfeki.

2. Aza amaFilisti ákha uluhlu lokulwa namaSirayeli. Idabi lanwenwezela, abulawa amaSirayeli phambi kwamaFilisti. Kwabulawa eluhlwini ethafeni apho amadoda akumawaka amané.

3. Beza abantu eminqubeni, athi amadoda amakhulu akwaSirayeli, Yini na ukuba uYehova asibulale namhla phambi kwamaFilisti? Masiye kuthabatha ityeya yomnqophiso kaYehova eShilo, ibe kuthi, ize phakathi kwethu, isisindise esandleni seentshaba zethu.

4. Bathumela ke abantu eShilo; bayithabatha khona ityeya yomnqophiso kaYehova wemikhosi, ohleli phezu kweekerubhi;* babekhona bobabini oonyana bakaEli, uHofeni noPinehasi, benetyeya yomnqophiso kaThixo.

5. Kwathi, xa ifikayo ityeya yomnqophiso kaYehova eminqubeni, aduma kakhulu onke amaSirayeli, umhlaba wathi ndi.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 4