Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 30:7-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wathi uDavide kuAbhiyatare umbingeleli, unyana ka-Ahimeleki, Khawuzise iefodi* kum. UAbhiyatare wayizisa iefodi kuDavide.

8. Wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndíwasukele na la matutu? Ndowafumana na? Wathi kuye, Sukela; ngokuba ùya kuwafumana okunene; uya kuhlangula konke.

9. Wahamba ke uDavide, yena namadoda angamakhulu amathandathu anawo. Bafika emlanjaneni oyiBhesore, amanye asala khona.

10. Wasukela uDavide, yena namakhulu amané amadoda; asala ke amakhulu amabini amadoda aphelelweyo, angenakuwela emlanjaneni oyiBhesore.

11. Ke kaloku bafumana indoda engumYiputa isendle. Bayizisa kuDavide, bayinika isonka; yadla; bayiseza amanzi;

12. bayinika ke icandelo lesicumba samakhiwane namacandelo amabini esicumba seerasintyisi, yadla. Wabuyela kuyo umoya wayo; kuba ibingadlanga kudla, ingaselanga manzi, iimini ezintathu nobusuku obuthathu.

13. Wathi uDavide kuyo, Ungumni na? Uvela phi na? Yathi, Ndingumfana ongumYiputa, isicaka sendoda engumAmaleki; indishiyile inkosi yam; kuba ndintsuku ntathu namhla ndisifa.

14. Sìbe sithe sangenela elasezantsi lamaKreti nelakwaYuda, nelasezantsi lakwaKalebhi, sayitshisa iTsikelage ngomlilo.

15. Wathi uDavide kuyo, Ungándisá na kuloo matutu? Yathi, Ndífungele uThixo, ukuba akuyi kundibulala, akuyi kundinikela esandleni senkosi yam; ndokusa kuloo matutu.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 30