Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 30:16-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Yamsa ke. Nango ezithe dwe phezu kwelizwe lonke, esidla, esela, eduda ngenxa yalo lonke ixhoba elikhulu, abelithimbile ezweni lamaFilisti, nasezweni lakwaYuda.

17. UDavide wawabulala, eqale ngocolothi kwada kwahlwa ngomhla olandelayo; akwasinda namnye kubo, yaba ngamakhulu amané amadodana odwa abekhwele ezinkameleni, asaba.

18. Wayihlangula uDavide yonke into abeyithimbile ama-Amaleki. Nabafazi bakhe bobabini wabahlangula uDavide;

19. akwasala nanye into kuzo, kuthabathela kwencinane kwesa kwenkulu, kwesa koonyana neentombi; kwathabathela kwixhoba kwesa kwinto yonke abeyithimbile kubo. Yonke into wayibuyisa uDavide.

20. Wayithimba yonke impahla emfutshane neenkomo; baqhuba phambi kwaloo mfuyo yakhe, bathi, Lixhoba likaDavide eli.

21. Wafika ke uDavide kulaa madoda angamakhulu mabini abephelelwe, abengenakumlandela uDavide, awayewashiye emlanjaneni oyiBhesore. Aphuma aya kumkhawulela uDavide aya kubakhawulela abantu ababenaye. UDavide wafika ebantwini, wababuza ukuphila kwabo.

22. Aphendula onke amadoda obubi namatshijolo akumadoda abehambe noDavide, athi, Ngenxa enokuba bengahambanga nathi, asiyi kubanika nto emaxhobeni esiwahlanguleyo; elowo makaqhube umkakhe, nabantwana bakhe, ahambe.

23. Wathi uDavide, Ningènjenjalo, bazalwana bam, ngento asinikileyo uYehova, wasigcina, wayinikela esandleni sethu impi leyo ibisifikele.

24. Ngubani na oya kuniva kweli lizwi? Njengoko sinjalo isabelo sohla aye ekulweni, sinjalo isabelo sosele nempahla; baya kwabelana ngakunye.

25. Kwaba njalo, kuthabathela kuloo mini kunyuse, wakumisa kwaba ngummiselo nesiko kwaSirayeli unanamhla.

26. Weza uDavide eTsikelage, wathumela inxenye yamaxhoba kumadoda amakhulu akwaYuda, kumakowabo, esithi, Nantso intsikelelo yenu emaxhobeni eentshaba zikaYehova;

27. kwawaseBheteli, nakwawaseRamoti esezantsi, nakwawaseYatire,

28. nakwawaseArohere, nakwawaseSifimoti, nakwawase-Eshtemowa,

29. nakwawaseRakali, nakwawasemizini yamaYerameli, nakwawasemizini yamaKeni,

30. nakwawaseHorma, nakwawaseKorashan, nakwawaseAtaki,

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 30