Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 30:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, akufika uDavide namadoda akhe eTsikelage ngomhla wesithathu, afika ama-Amaleki elingenele elasezantsi neTsikelage, ayibetha iTsikelage, ayitshisa ngomlilo.

2. Abathimba abafazi ababekhona, kodwa akabulala mntu, ukuthabathela komncinane ase komkhulu; aqhuba ahamba ngendlela yawo.

3. Akufika ke uDavide namadoda akhe ekhaya, nalo litshisiwe ngomlilo, bethinjiwe abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo.

4. Baliphakamisa ooDavide nabantu ababenaye ilizwi labo, balila, kwada akwabakho mandla kubo okulila.

5. Nabafazi bakaDavide bobabini babethinjiwe, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele.

6. Wabandezeleka kunene uDavide; ngokuba abantu babethetha ngokumxuluba ngamatye; kuba umphefumlo wabantu bonke ubukrakra, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe. Ke uDavide wazomelezela kuYehova uThixo wakhe.

7. Wathi uDavide kuAbhiyatare umbingeleli, unyana ka-Ahimeleki, Khawuzise iefodi* kum. UAbhiyatare wayizisa iefodi kuDavide.

8. Wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndíwasukele na la matutu? Ndowafumana na? Wathi kuye, Sukela; ngokuba ùya kuwafumana okunene; uya kuhlangula konke.

9. Wahamba ke uDavide, yena namadoda angamakhulu amathandathu anawo. Bafika emlanjaneni oyiBhesore, amanye asala khona.

10. Wasukela uDavide, yena namakhulu amané amadoda; asala ke amakhulu amabini amadoda aphelelweyo, angenakuwela emlanjaneni oyiBhesore.

11. Ke kaloku bafumana indoda engumYiputa isendle. Bayizisa kuDavide, bayinika isonka; yadla; bayiseza amanzi;

12. bayinika ke icandelo lesicumba samakhiwane namacandelo amabini esicumba seerasintyisi, yadla. Wabuyela kuyo umoya wayo; kuba ibingadlanga kudla, ingaselanga manzi, iimini ezintathu nobusuku obuthathu.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 30