Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 3:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ke uSamuweli ebengekamazi uYehova, libe lingekatyhileki kuye ilizwi likaYehova.

8. Waqokela uYehova wambiza uSamuweli okwesithathu. Wavuka weza kuEli, wathi kuye, Ndilapha; ngokuba undibizile. Waqonda uEli ukuba uYehova umbizile umntwana.

9. Wathi uEli kuSamuweli, Hamba uye kulala; kothi, ukuba úthe wakubiza, uthi, Thetha, Yehova, ngokuba esiva umkhonzi wakho. Waya uSamuweli, walala endaweni yakhe.

10. Weza uYehova, wema, wabiza njengezinye izihlandlo, wathi, Samuweli, Samuweli. Wathi uSamuweli, Thetha, ngokuba esiva umkhonzi wakho.

11. Wathi uYehova kuSamuweli, Uyabona, ndènza into kwaSirayeli eya kubetha zithi nzwi iindlebe zombini zabantu bonke abaya kuyiva.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 3