Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 3:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wabalekela kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga; buya uye kulala. Waya walala.

6. Waqokela uYehova wambiza uSamuweli. Wavuka uSamuweli, waya kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga, nyana wam; buya uye kulala.

7. Ke uSamuweli ebengekamazi uYehova, libe lingekatyhileki kuye ilizwi likaYehova.

8. Waqokela uYehova wambiza uSamuweli okwesithathu. Wavuka weza kuEli, wathi kuye, Ndilapha; ngokuba undibizile. Waqonda uEli ukuba uYehova umbizile umntwana.

9. Wathi uEli kuSamuweli, Hamba uye kulala; kothi, ukuba úthe wakubiza, uthi, Thetha, Yehova, ngokuba esiva umkhonzi wakho. Waya uSamuweli, walala endaweni yakhe.

10. Weza uYehova, wema, wabiza njengezinye izihlandlo, wathi, Samuweli, Samuweli. Wathi uSamuweli, Thetha, ngokuba esiva umkhonzi wakho.

11. Wathi uYehova kuSamuweli, Uyabona, ndènza into kwaSirayeli eya kubetha zithi nzwi iindlebe zombini zabantu bonke abaya kuyiva.

12. Ngaloo mini ndiya kumvelisela uEli yonke into endiyithethileyo ngokusingisele kwindlu yakhe; ndiqalile, ndiya kugqiba.

13. Ndimxélele ukuba ndiyayigweba indlu yakhe kude kuse ephakadeni, ngenxa yobugwenxa abaziyo; ngokuba báziqalekisa oonyana bakhe, akabangxolisa.

14. Ngoko ndiyifungele indlu kaEli, ndathi, Inene ubugwenxa bendlu kaEli abuyi kucanyagushelwa ngambingelelo, nangamnikelo wakudla, naphakade.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 3